Lemiba ilandelayo uyifumana ku Mfundisi wakho
- Isihloko se (assignment).
- Ubude be (assignment) e.g. 10 yamaphepha.
- Umhla i (assignment) engeniswa ngawo.
- Indlela i (assignment) ekufuneka iveliswe ngayo e.g. ngokuthi uyithethe, iveliswe ngekhompyutha, ibhaliwe okanye ngokuthi uyithethe ze uyibhale nokuyibhala.
Cwangcisa ixesha lakho
Kubalulekile ukuba ungawuqali umsebenzi wakho ngomzuzu wokugqibela. Qala ixesha liselinintsi uzokuthintela ulibaziseko olunokubangwa zimeko ebezingalindelekanga. Khumbula ukuba incwadi onokuthi uzidinge kwithala lencwadi ekukuncediseni, zisenokungafumaneki xa ufuna ukuzisebenzisa, kuloko kufuneka ubenexesha elaneleyo lokuzifumana. Kukwafuneka ubenexesha elaneleyo lokubhala umsebenzi wakho.
Vavanya umxholo
Ukuba awuqhelananga nomxholo, zama ukuthi ufunde ngawo kuqala kwincadi ezifumaneka kwicala lakwa (reference), kwaye ubhale phantsi konke osele ukhazi ngesihloko eso, kwaye nento osafuna ukuyazi. Ngamanye amazwi qaphela amagama abalulekileyo, uqikelelo lwalamagama, namagama angamanye athi acaze kwa esisihloko.

Bhala phantsi izipelingi ezahlukeneyo zamagama abalulekileyo, e.g.
- butterflies or butterfly.
kwaye wasebenzise omabini lamagama xa usenza uphando lwakho.
Qwalasela amaga abanzi namxinwa onokukunceda ukuchaza umxholo wakho.
Umzekelo womxholo obanzi:
- cocoons
- insects
- moth
- lepidoptera
Umzekelo womxholo omxinwa:
- Amagama achaza imihlobo ethile yamabhabhathane
![]() |
Ukufumana amagama alungele ukusetyenziswa kumxholo wawakhoakulula, kuloko kufuneka i-Librarian ikuncedise. |
Ukukhangela ulwazi olufanele umsebenzi wakho
Cela ilayibrariyeni ikuncedise ukufumana olulwazi. Eyona ndawo yokuqala ukukhangela yi(reference section).
Ezi (information resources) zilandelayo ziyafumaneka kwithala lencwadi. Kwaye usenokusebenzisa I(library web site) efumaneka ku:
- Audio Visual material
- Books
- CD Roms
- Databases
- Internet
- Journals
- Library Catalogue (ALEPH)
- Maps
- Reference Section
Yenza i-(rough outline)
Yenza le (rough outline) yendlela ofuna i (assignment) yakho iyilandele. i- (assignment) idla ngokuba nalemiba ilandelayo:
Iphepha Lesihloko
Eli liphepha lokuqala kwi-(assignment) yakho. Kweliphepha kufuneka ube nalemiba ilandelayo:
- Isihloko se-(assignment) yakho
- Igama nombolo yakho yobufundi
- Igama lesihloko i-(assignment) uyenzela yona
- Umhla ozakuyingenisa ngawo i-(assignment)
- Igama lomhlohli wakho
- Unganawo nomfanekiso okanye ifreyimi ejikeleza eliphepha
Uluhlu Lweengongoma
Olu luluhlu oluchaza ingongoma othe wazichaphazela kwi - (assignment) yakho. Khumbula ukufaka inombolo zamaphepha. Khangela kulomzekelo ungezantsi:

Introduction
Kulapho uthetha ngamanqaku jikelele kunye nemvelaphi yesihloko sakho.
Body of the report
Kwesisithuba uchaza nzulu ngalamanqaku uwafumeneyo xa ubuphanda ngesihloko sakho. Kubalulekile ukuba, kwalapha emzimbeni we - assignment, uchaze ukuba nqaku ngalinye ulifumene phi. Umzimba we - (assignment) ngowona uthabatha indawo enkulu.
Conclusions
Kwelinqanaba kulapho ushwankathela khona kwaye uchaze nokufumanisileyo.
Recommendations
Bhala ingcebiso onazo kwelinqanaba. Oku kubalulekile kakhulu ukuba I - (assignment) yakho ijonge ekuphuculeni inkqubo okanye imeko ethile.
Bibliografie
Kubalulekile ngokwezifundo ukunyaniseka ngokuthi ulwazi olufumene kwincwadi ezibhalwe ngabanye abantu uluchaze ngokusebenzisa (I - bibliographic references) ukuba lusuka kweyiphi incwadi. Abafundi soloko ikhona into abayaziyo ngesihloko eso, ukuba akuyichazi imvelaphi, kusenokuthiwa lomsebenzi uwubile kwaye usenokungena engxakini enkulu. Uhlobo lwe-Harvard ne-APA, zintlobo ezithi zisetyenziswe kakhulu. Kufuneka ubuze kumhlohli wakho ukuba loluphi uhlobo omawulusebenzise.
Appendices
Olu lulwazi olubalulekileyo kodwa lingenakufakwa kulomsebenzi wakho, izinto ezinjenge (tables, technical notes, data collecting forms, letters, case studies, certain illustrations). Olulwazi luncedisa into oyibhale kumzimba lo we-assignment yakho.
![]() |
Khumbula: umsebenzi wakho kufuneka utayitshiwe, ijongeka kakubi xa ibhalwe ngesandla. |
Bhala i(rough draft)
- Gqiba ngamanqaku ozakuwasebenzisa.
- Qalisa ukuwabhala amanqaku akho phansti kakuhle ngendlela apho azathi akucacele kakuhle.
- Ungalibazisi ekephindeni uyibhale i (assignment) yakho, kuba okuye uyibhala, kokuye uthi ukwazi namanqaku akho uwalandelise kakuhle. Ingcamango zakho mazilandelelane kakuhle. Xhasa amanqaku akho ngokuthi ucaphule nakwezinye izibhalo.
- Fakela nezicacisi ezinje ngegrafu nedayagram xa kufanelekile. Ngokwenjenjalo utsho umsebenzi wakho ubenomtsalane.
Ukuproseswa kolwazi
(Plagiarism) kukuba into ebhalwe ngomnye umntu uyenze ngathi yeyakho xa uyisebenzisa kwi(assignment) yakho. Bubusela ngamanye amazwi. Imvelaphi yolwazi olusebenzisileyo kufanelekile uluchaze emzimbeni we(assignment) nakwi (bibliography) yakho.
- I(Copyright Act, 1978), ikhusela ukwenziwa kwesixa esithi sefotokopi kusebezi osele womntu uthile. Kodwa ke indawo ezinje ngamathala encwadi kunye ne(archives) zivumelekile ukwenza ifotokopi kodwa phantsi kwemiqathango ethile. Omnye walimiqathango ngowokuba xa yenziwe ifotokopi, mntu lowo uyenzelweyo azisebenzisele yena yedwa. Ukuba mntu lowo uthe le fotokopi wayisebenzisela enye into engavunyelwayo ngumthetho wozifumana esengxakini. Eliziko lase Cape Technikon lisenokungavumi ukwenza ifotokopi xa libona ukuthi lomthetho ungaphulwa.
- Amanqaku okho mawangqamane kwaye anxulumane nesihloko ukuze ungabhudi.
- Sebenzisa i(double line spacing) xa utayipa, lonto yenza umsebenzi wakho ucoceke kwaye ufundeke lula.
- Khangela ukuba amaga uwapele kakuhle negrama isetyenziswe kakuhle, kuba ukungakhathali kuzakukuphulukanisa namanqaku.
- Ungayibhayinda I(assignment) yakho ukuyenza ibukeke isemgangathweni.
Ngoku uyigqibile I assignment yakho. Ungayokuyifaka, ulindele amanqaku aphezulu!!